Iingcwele beCawa yokuqala bathandaza ngokunyanisekileyo kangangeentsuku ezilishumi ukusuka kuMhla wokuNyuka ukuya kuMhla wePentekoste. NgePentekoste, bamkela uMoya oyiNgcwele owabavumela ukuba babe nokholo olomeleleyo kwaye basasaze iindaba ezilungileyo ngokukhawuleza. Kwisigaba soMoya oyiNgcwele, uThixo usinika izipho zoMoya oyiNgcwele ngePentekoste, nkqu izihlandlo ezisixhenxe ukomelea kunaleyo yeminyaka engama-2 000 eyadlulayo.
Emva kokufumana uMoya oyiNgcwele, iBandla lokuqala lalingqina, "uYesu nguKrestu." Ngendlela efanayo, ngoku amalungu eBandla likaThixo, afumana uMoya oyiNgcwele wemvula yamva ngokugcina iPentekoste, ashumayela ngesibindi emhlabeni abaSindisi bethu, uChrist Ahnsahnghong noMama waseZulwini.
“Ekufikeni komhla wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso. Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.” Izenzo 2:1-4
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala