Kwiminyaka engama-3,500 eyadlulayo, amaSirayeli agcina iPasika, ngosuku olulandelayo, basukelwa ngumkhosi waseYiputa, bava ubunzima obukhulu, owawusisithunzi. Kwiminyka engama-2,000 eyadlulayo, uYesu Kristu wagcina iPasika nabafundi Bakhe, waza ngosuku olulandelayo weva ubunzima emnqamlezweni, owawusisimo soMthendeleko Wezonka Ezingenagwele.
Kwixesha leTestamente Endala, uThixo wavumela amaSirayeli ukuba atye izonka ezingenagwele, nemithana ekrakra ukuze bakhumbule intlungu yoMthendeleko Wezonka Ezingenagwele. Kwixesha leTestamente Entsha, uThixo uvumela abangcwele beBandla likaThixo, abo bawuqondayo umbingelelo kaYesu, ukuba bazile ukutya, ukuze bathathe inxaxheba kwintlungu yomnqamlezo.
Njengokuba umpostile uPawulosi washumayela iVangeli enamanxeba kaYesu
entliziyweni yakhe, kufuneka sibe ngabantwana bakaThixo abashumayela iVangeli
sikrole uthando lukaKristu uAhnsahnghong kwakunye noMama
wasezulwini ezintliziyweni zethu.
Elokugqibandithi, makungabikhonamnyeundixhamlayo;
kubamna, iimpawuzeNkosiuYesundiziphethengomzimbawam. KumaGalati 6:17
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala