Kanye njengokuba abantu behlabathi bevutha ngumsindo
xa inyambalala yabantu abamsulwa bebulawa ezimfazweni,
uYesu wamqumbela uSathana, owabangela ukuba abantwana
Bakhe bakwamoya baphalaze igazi labo.
Watyhila ubuntu bakhe ebantwaneni bakhe ngomzekeliso
wokhula nengqolowa, ebafundisa ukuba bangakhohliswa kokuchasene
nomthetho okuzalise ihlabathi, okunjengonqulo lwangeCawa neKrismesi.
Umdiza oluhlwayelwe nguSathana ehlabathini lunqulo lwangeCawa,
iKrismesi, nokuhlonela umnqamlezo, ezizizenzo zokunqula uthixo
welanga neziya kuphumela kwisohlwayo sesihogo.
Ngokweemfundiso zeBhayibhile, amalungu eBandla likaThixo agcina
imiyalelo kaThixo, kuquka nomhla weSabatha kunye
nePasika.
Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi,
abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo
ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
Mateyu 7:21
Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, . . .
Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu
komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi
yayo iMvana, . . .
IsiTyhilelo 13:6–8
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala