Njengokuba uThixo enika abantwana Bakhe iintsikelelo zeZulu
kunqulo ngalunye, isenzo sokukholelwa kwaye sibuyele
kuThixo siluvuyo nolonwabo.
Ubomi bokukholwa ngokunyanzelwa ungenathemba lokuya eZulwini
buzisa izilingo. Akufunekanga silandele indlela ka-Adam noEfa
abohlulwa bubuchule bukaSathana, kumele sibenokholo olugqibeleleyo
njengoYobhi, sihlale simhlonela uThixo, soyise nazo zonke
izilingo ngamazwi kaThixo, silandela umzekelo kaYesu.
Zonke izilingo zasemhlabeni ezisithintela kwindlela yethu eya eZulwini ziimvavanyo.
Njengokuba amaSirayeli ayevavanywa ngalo lonke ixesha entlango
iminyaka engamashumi amane, amalungu eBandla likaThixo ahamba kwindlela eya
kwiKanan yasezulwini anikwa iimvavanyo, kodwa ukuba sinokholo olugqibeleleyo
kuThixo uBawo noThixo uMama singamelana neemvavanyo
kwaye sifumane iintsikelelo zeZulu ekugqibeleni.
“Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa,
eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.” Isityhilelo 3:10
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala