Njengoko uAbraham Lincoln
wawakhanyisela amajoni ngexesha
leMfazwe Yamakhaya yaseMelika, ukuba
sithandaza kuThixo sithi, “Nceda ube
kwicala lam,” asinakwazi ukuxela ukuba
sikwindlela elungileyo okanye
engalunganga. Ngoko ke, ukuze sisindiswe,
kufuneka sithandaze sithi, “Nceda
undivumele ndihlale ndikwicala likaThixo.”
UEliya walwa nabaprofeti bobuxoki aba-850,
kwaye abahlobo abathathu bakaDaniyeli
abazange baqubude kumfanekiso wegolide.
UAbraham waba ngukhokho wokholo,
waza uNowa wabizwa ngokuba yindlalifa
yobulungisa. Aba bantu babesoloko
bekwicala likaThixo. Kwangokunjalo,
kwixesha loMoya oyiNgcwele, amalungu
eBandla likaThixo, akholelwa kuThixo
uAhnsahnghong nakuThixo uMama,
athandazela ukuba asoloko ekwicala
likaThixo kuzo zonke iimeko ezivelayo
endleleni yokholo.
Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo,
ngokwabantwana abaziintánda; nihambe
eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu
wasithandayo . . .
Kwabase-Efese 5:1–2
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala