Xa sasingakuqondi ngokupheleleyo ukuthanda kukaThixo nenyaniso, sasithetha njengomntwana, sicinga njengomntwana, yaye siqiqa njengomntwana, sifuna ukuba yonke into yenziwe ngokweminqweno yethu.
Nangona kunjalo, emva kokukholelwa kuKristu Oza Okwesibini uAhnsahnghong nakuThixo uMama kunye nokuyiqonda inyaniso, kufuneka sizalwe ngokutsha njengabantwana bakaThixo abanokholo oluqolileyo kwaye silandele isikhokelo sikaThixo ngentobeko.
Kanye njengokuba zonke iintaba, imilambo, nolwandle, ezibumba indalo, zaneliswa zizikhundla zazo ezimiselweyo kwaye zilandela ngokuthobelayo ukuthanda kukaThixo kwiindawo ezizinikiweyo ngaphandle kokukhalaza, amalungu eBandla likaThixo ahamba umendo wokholo, esoloko ebonakalisa umbulelo kwiindawo abazinikiweyo.
“Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.”
1 KwabaseKorinte 13:11
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala