UThixo sele ewamisele amagama kunye nemihla yayo yonke imithendeleko
kwiTestamente eNdala ngoMthetho kaMoses kwiminyaka engama-3,500 eyadlulayo
waze wasiyalela ukuba sigcine uMhla wePentekosti ngomhla wama-50
ukusuka kuSuku loVuko (uMthendeleko Wentlahlela).
Emva kokuvuka kukaYesu, abafundi bathandaza ngenyameko
imihla engamashumi ukususela ngoMhla woNyuko bafumana uMoya Oyingcwele
ngoSuku lwePentekosti; bangqina umsebenzi omkhulu woMoya Oyingcwele
apho abantu aba ngama-3,000 bakhokelelwa elusindisweni ngosuku.
Ngokufanayo, abangcwele beBandla likaThixo bagcina
uSuku lwePentekosti ngokwe lizwi kwaye bangqina
ehlabathini lonke nganSindisi kwilixa loMoya Oyingcwele,
uKristu Ahnsahnghong noThixo uMama, ngokoMoya Oyingcwele
wemvula yokugqibela, bavusa bonke abantu ngayo yonke intliziyo yabo nengqondo.
“Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu;
nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda
nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.” Izenzo 1:8
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala