UThixo wayalela uMoses ukuba akhe umnquba ukuze abeke kuwo iMithetho Elishumi yesibini. Xa abantu basiqondayo isono sabo esaphumela ekwaphuleni iMithetho Elishumi yokuqala, baguquka baza ngokuzithandela bazisa izinto zokwakhiwa komnquba. Oku kwaba yimvelaphi yoMthendeleko weMinquba.
Emva koko, bakha iminquba kwintendelezo yetempile okanye eluphahleni lwetempile ngokusebenzisa zonke iintlobo zamasebe emithi.
UMthendeleko weMinquba lusuku apho uKrestu Ahnsahnghong noThixo uMama bahlanganisela ndawonye bonke abantu Babo. Uluntu kufuneka lubulele kuThixo othe wabaxolela waza wabasindisa ezonweni zabo. Kwaye ngoMoya Oyingcwele wemvula yamva abayifumanayo, kufuneka bafumane onke amalungu osapho lwasezulwini kwihlabathi jikelele abazizixhobo zeTempile yasezulwini yaseYerusalem.
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.
Yeremiya 5:14
Esíthi kuye sonke isakhiwo, síhlangene kakùhle, sikhùle, sibe yitempile engcwele eNkosini; enithi nani nakhèlwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.
Efese 2:21–22
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala