Umthendeleko weNtlahlela Sivuno owabhiyozelwa ngexesha
lika Moses kwiTestamente eNdala yayisisithunzi, yaye
uMhla Wovuko okwiTestamente eNtsha Yinyaniso.
UYesu Kristu wavuswa ngentseni
ngomhla osemveni komhla weSabatha, iCawe,
njengentlahlela yabo baleleyo,
ukufezekisa isiprofeto somthendeleko wentlahlela sivuno.
Ngako oko, kuyintando kaThixo ukuba sigcine
Umhla Wesabatha (Umgqibelo) njengomthendeleko weveki,
noMhla Wovuko njengomthendeleko Wonyaka.
USathana ubeke umntu phantsi kwetyathanga lokufa,
wabenza bagqitha kwiintlungu zokufa;
Nangona kunjalo, uYesu Kristu uze kulo mhlaba,
ezokuqhawula amandla okufa, ekhokelela abantu
kwinyaniso ekhokelela kubomi obungunaphakade
ngoMhla Wovuko.
Kule mihla, amalungu eBandla lika Thixo
awawalandeli amasiko obuhedeni okwabelana ngamaqanda,
kodwa baqhekeza isonka esivula amehlo ethu akwamoya,
ukulandela kwimizekelo ka Yesu Kristu.
“UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo,
waba yintlahlela yabalele ukufa . . .
nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:” KwabaseKorinte 15:20–22
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala