UMhla weNtlahlela kwiTestamente eNdala nguMhla woVuko kwiTestamente eNtsha. Sisiprofeto esasiza kufezekiswa ngeCawe.
AmaSirayeli aphuma eYiputa ngoMhla wokuqala weveki aza amisa ngaphesheya koLwandle oluBomvu. UThixo wamisela olu suku njengoMhla weNtlahlela, waza wayalela amaSirayeli ukuba alugcine ngoMhla olusemva kweSabatha (ngeCawe) minyaka le. UYesu wavuswa kwabafileyo ngomhla wokuqala weveki (ngeCawe), efezekisa isiprofeto soMhla weNtlahlela.
Ngokwesiprofeto soMhla weNtlahlela, xa kwanikelwa isinde sentlahlela kuThixo, uYesu wavuswa njengentlahlela yabaleleyo waza wanika lonke uluntu ithemba lovuko. Ngokukholelwa koku, iBandla likaThixo ligcina uMhla woVuko minyaka le.
Wathetha uYehova kuMoses, esithi, . . . nozisa kumbingeleli isinde wokuqala lesivuno senu, alitshangatshangise isinde phambi koYehova; ukuze linikholekise, alitshangatshangise umbingeleli ngengomso emva kwesabatha;
Levitikus 23:9–11
Ke kaloku, ngowokuqala umhla weveki, ngesifingo sokusa, beza engcwabeni, bephethe ubulawu ababebulungisile, kukho nabanye abafazi nabo. Balifumana ke ilitye liqengqiwe, lesuka engcwabeni.
Bakuba bengenile, àbawufumananga umzimba weNkosi uYesu. . . . Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo? Akakho apha, uvukile;
Luka 24:1–6
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala