Kubo bonke ubomi bethu, sonke sijamelana neemeko ezinzima ezahlukahlukeneyo.
Ngamaxesha anjalo obunzima, ookhokho bokholo belixa likaBawo babiza kuThixo uYehova kwaye basindiswa, abangcwele ngelixa loNyana babiza igama likaYesu Kristu kwaye basindiswa, nakwilixa likaMoya OyiNgcwele, kufuneka sibize uKristu uAhnsahnghong noThixo uMama ukuze sisindiswe.
UThixo wathi abo balaziyo igama Lakhe bangabantu Bakhe bokwenyaniso, waza wasiyalela ukuba siqhube ubhaptizo, olulinyathelo lokuqala losindiso, egameni loYise, loNyana, neloMoya OyiNgcwele.
Namhlanje, nguMbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo kuphela elibhaptiza abantu egameni loMoya OyiNgcwele u-Kristu Ahnsahnghong, elinesithembiso sosindiso nokuxolelwa kwezono.
Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi,
“. . . Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo.”
Isaya 52:4–6
“Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. . . . ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, . . . negama lam elitsha.”
IsiTyhilelo 3:12
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala