U-98% yezinto esizithethayo zikrolwe kwiingqondo zethu. Xa inqakwana elandulayo
likrolwe kwiingqondo zethu, kudingeka amanqakwana aliwaka ukuze elo nqakwana landulayo lisuke. UThixo wasixelela ukuba sihlale sithetha izinto ezakhayo ngokunika
imibulelo, nokuhlala sivuya ukuze sikwazi ukuqonda ixabiso leZulu, siziqwebele neentsikelelo eZulwini.
Amalungu eBandla likaThixo ngabo baliqondayo ixabiso neentsikelelo zaseZulwini.
Ngabo abashumayela umyalezo: “Masamkele uphumlo lwanaphakade ngokugcina
uMhla weSabatha, samkele nobomi obungunaphakade ngokugcina iPasika. Kwaye, masibe ngabantwana bakaThixo ngokwamkela uBawo uAhnsahnghong kunye noThixo uMama.”
Bahlala begqalisele kuzuko boBukumkani Bamazulu banaphakade, hayi uzuko belihlabathi oluzakunyamalala ngephanyazo le liso.
Kungoko singethi mandla . . . Kuba ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana busisebenzela ngokuncamise kwaphela ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade sakubon' ukuba asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo. Kuba ezibonwayo zezomzuzwana, ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.
2 KwabaseKorinte 4:16-18
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala