Umhla wokunqula uThixo yiSabatha yomhla wesixhenxe, uMgqibelo ngokweentsuku zeveki. ISabatha ngumhla ongcwele othenjiswe ngeentsikelelo, nomhla wokuvunywa kwethu njengabantu bakaThixo. NjengoMthetho weSine kwiMithetho Elishumi, ngumhla wonqulo ekufuneka ugcinwe luluntu. Yiyo loo nto uYesu, uKristu Ahnsahnghong noThixo uMama basibonisa umzekelo wokugcina iSabatha.
Kutheni uThixo engazange awamkele umnikelo kaKayin, wamkela umnikelo kaAbheli kuphela? Kutheni uThixo watshabalalisa oonyana bakaAron, uNadabhi noAbhihu ababengababingeleli, abafundisi ngokwemigangatho yanamhlanje?
Konke kwakungenxa yokuba benza ngokweengcinga zabo, bengawathobeli amazwi kaThixo. Ngokufanayo, ukunqula uThixo ngokugcina iSabatha ngokwentando kaThixo
yimfihlelo engundoqo ekwamkeleni iintsikelelo.
Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; . . .
Genesis 2:3
Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
Eksodus 20:8
Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
Luka 4:16
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala