Njengoko sifuna iziqinisekiso kunye neelayisensi ukuze sikwazi ukuphila kweli lizwe,
yiyo loo nto ke sifuna ubumi baseZulwini ukuze singene eBukumkanini bamaZulu.
IBhayibhile iyasixelela ukuba isiqinisekiso sokungena eZulwini yiPasika yoMnqophiso Omtsha.
Njengoko sikholelwa kwihlabathi elibonakalayo, kufuneka sikholelwe
nakwihlabathi elingabonakaliyo. UNowa walikholelwa ilizwi likaThixo
xa uThixo wathi uzakulitshabalalisa ilizwe ngemvula,
engazange wayibona ngaphambili. Amalungu eBandla
lamandulo awazange alahle ithemba leZulu nakwintshutshiso.
Kufuneka sikholelwe kuThixo uBawo uAhnsahnghong
noThixo uMama, abeze njengoMoya noMtshakazi
kweli lixa, sigcine iPasika yoMnqophiso Omtsha
ngokomyalelo kaThixo. Kungoko kuphela apho singafumana ubumi
basezulwini ngePasika yoMnqophiso Omtsha, njengoko uMpostile uPawulos wenzayo.
Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo;
kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.
Kuba amanyange ángqinelwa ngokuba nalo olo…
Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle… KumaHebhere 11:1–6
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala