Isono sokutya kumthi wokwazi okulungileyo nokubi sidluliselwa eluntwini sisuka kuAdam noEva kuMyezo wase-Edeni.
Ukuze uluntu lukhululeke esonweni, ludinga inyaniso yomthi wobomi eyenza ukuba abo bathabatha inxaxheba kuwo bazuze ubomi obungunaphakade.
Ngabo baliqondayo idini nothando lukaKristu uAhnsahnghong noMama waseZulwini, abazise umthi wobomi, baze bayigcine le nyaniso ngentliziyo iphela, kuphela abanako ukukhululwa kwisono sokufa.
Isono sokufa, esazuzw’ ilifa kuAdam, simele sisuswe kubantu abafuna ukusindiswa baze bangene ubukumkani bamazulu.
Ngoko ke, uKristu u-Ahnsahnghong weza kulo mhlaba okwesibini waza weza nePasika yomnqophiso omtsha, inyaniso yomthi wobomi, ukuxolela izono zoluntu lonke nokubanika ilifa ubukumkani bamazulu.
Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.
1 KaYohane 2:25
Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.
Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; . . .
Yohane 6:53–54
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala