Emyezweni wase-Eden kwakukho uMthi Wokwazi Okulungileyo Nokubi,
uThixo awathi ngawo, “kuba mhlana uthe wawudla, ùya kufa,”
noMthi Wobomi owawuzisa ubomi obungunaphakade nakubani odla kuwo.
Nangona kunjalo, uAdam noEva bophula umyalelo kaThixo ngokudla isiqhamo esalelweyo,
belingwa yinyoka. Ngenxa yoko, balahlekelwa lilungelo lokudla eMthini Wobomi, baze bafa.
Inyaniso Yomthi Wobomi yiPasika yoMnqophiso Omtsha esithi ngayo sikwazi ukudla umzimba kaYesu sisele negazi Lakhe. Ukuze asisindise esonweni sokudla isiqhamo esalelweyo—isono esifanelwe kukufa, uThixo usinike elinye ithuba lokuba sigcine iPasika—siyigcine enyangeni yosibini ngokwekhalenda engcwele.
IPasika yabhangiswa ngo-AD 325, indlela eya eMthini Wobomi yavaleka kwakhona.
UKristu Ahnsahnghong, umseki Wombutho Womsebenzi Welizwe Ibandla likaThixo,
uphinde wayivula, ngokweziprofeto
zeBhayibhile.
. . . isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho . . . Iya kuginya ukufa kuphele . . . Kuya kuthiwa ngaloo mini, “Yabona, lo nguThixo wethu . . .” Isaya 25:6–9
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala