AmaSirayeli alilibala ilizwi likaThixo elawasindisayo xa ayelunywa ziinyoka ezinobuhlungu.
Kunoko, banqula inyoka yobhedu iminyaka engaphezu kwe-800, kodwa inyoka yobhedu yaphulwa nguHezekiya.
Ngokufanayo, eyona nto ibalulekileyo ligazi elixabisekileyo likaYesu Kristu elisindisa uluntu.
Ngoko ke, kufuneka siqonde ukuba, ukuba sibeka umnqamlezo, osisixhobo kuphela sokubulala, siya kuqalekiswa.
Umnqamlezo wawudluliselwe eRoma ukususela kwixesha leBhabhiloni yamandulo.
Waziswa ebandleni malunga no-AD 431, emva kokuba uYesu enyukele ezulwini kwaye bonke abapostile bemkile.
Ngokweemfundiso zikaKristu Ahnsahnghong noThixo uMama, owathi, “Musani ukunqula izithixo,” iBandla likaThixo aliwumisi kwaye aliwunquli umnqamlezo okanye nayiphi na eminye imifanekiso eqingqiweyo.
Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, . . . Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi:
Eksodus 20:4–5
Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
Duteronomi 27:15
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala