Namhlanje, ukuba asiwaqondi amazwi eBhayibhile anikelwe nguThixo, osisazulu sendalo iphela, asiyi kumqonda uKristu Ahnsahnghong Oze Okwesibini noThixo uMama, uMtshakazi, kanye njengokuba abantu bengazange bamqonde uYesu ekuzeni Kwakhe okokuqala.
Ngoko ke, siya kuphela sinikela unqulo olungenantsingiselo ebandleni apho uThixo angekhoyo.
Kanye njengokuba uDavide wayenomthetho oyimfuneko kulawulo lwakhe xa wayelawula amaSirayeli, kukho umthetho womnqophiso omtsha phakathi kukaYesu owaprofetwa njengoDavide nabantu Bakhe.
UKristu uAhnsahnghong Oze Okwesibini, owazalisekisa zonke iziprofeto zetrone kaDavide, wasifundisa nangomnqophiso omtsha.
Emveni koko baya kubuya oonyana bakaSirayeli, bamquqele uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; baye benkwantya kuYehova, nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.
Hoseya 3:5
Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, . . .
Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.
Luka 22:7–20
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala