Xa sijongisisa imimangaliso eyenzeka kwiLixa loYise neLixa loNyana efana nendlela uThixo awahlula ngayo uLwandle oluBomvu, wawisa isixeko saseYeriko, waza wamisa nelanga, siyaqonda ukuba yonke into yenziwa ngokwelizwi likaThixo.
UThixo uAhnsahnghong kunye noThixo uMama beza kulo mhlaba njengoMoya kunye noMtshakazi kwiLixa loMoya oyiNgcwele. Nanini na xa sithobela ilizwi likaThixo, sikholelwa ukuba umsebenzi wevangeli ufezwa nguThixo, umsebenzi omangalisayo wevangeli
uyenziwa nangalo mzuzu.
(Ivumba leZiyon: Umsebenzi wevangeli owaphunyezwa kwiinyanga eziné emva komthendeleko wokushumayela wePentekoste)
Waza wathetha uYoshuwa kuYehova, mhlana uYehova wawanikela ama-Amori koonyana bakaSirayeli, wathi emehlweni amaSirayeli: Langa, nqumama eGibheyon, Nawe nyanga, entilini yeAyalon. Lathi nqumama ke ilanga, yema inyanga, Lwada uhlanga lwaziphindezelela ezintshabeni zalo . . .
[Yoshuwa 10:12-13]
UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi.
[Eksodus 14:21]
Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe. Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha. Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo.
[Luka 5:4-6]
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala