UYesu wathi amanzi obomi anikelwa
kuMthendeleko weMinquba nguMoya
oyiNgcwele wemvula yamva. Umprofeti
uZekariya, uHezekile, noMpostile uYohane
bangqina ukuba uMama waseZulwini
iYerusalem, ebizwa ngokuba yiTrone
kaThixo, unguMthombo wamanzi obomi.
Kwaye bangqina ukuba uya kunika ubomi
obungunaphakade eluntwini kweli lixa
loMoya oyiNgcwele.
IBandla likaThixo likholelwa kula mazwi,
“Nabani na umaziyo uThixo uya kwamkela
uMoya oyiNgcwele wemvula yamva.”
Baqhuba umsebenzi njengomlindi wokuvakalisa
ngokuchanekileyo kulo lonke uluntu ukuba
kufuneka beze bamkele usindiso kuKristu
Ahnsahnghong nakuThixo uMama,
kananjalo bamkele uMoya oyiNgcwele
wemvula yamva ngoMthendeleko weMinquba.
Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko
wamaYuda weminquba. . . . wema uYesu,
wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe,
makeze kum asele. Lowo ukholwayo kum,
njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza
imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.
Oku wakutsho ke ngaye uMoya,
ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye;
Yohane 7:2–39
UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo
makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze;
lowo uthandayo, makawathabathe
amanzi obomi ngesisa.
IsiTyhilelo 22:17
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala