UKristu Ahnsahnghong noThixo uMama
beza kulo mhlaba besenyameni
kwaye bahamba indlela yokubandezeleka
ngenxa yosindiso lwabantwana Babo
abaphila entlunginwi ngenxa
yezono abazenzayo ezulwini.
Xa siluqonda uthando kunye
nokuzinikela kwaBazali bethu bakwamoya
kwaye siqhayise Ngabo, uThixo
uya kusivuma “njengabantwana Bam”
phambi kweezithunywa kwaye
asinike iintsikelelo.
Abantu bakaThixo babeqhayisa ngoThixo
uYehova kwilixa likaYise nangoYesu
kwilixa likaNyana.
Ngokufanayo, kufuneka siqhayise ngoKristu
Ahnsahnghong kunye noThixo uMama, abeze
njengoMoya noMtshakazi kwilixa
likaMoya oyiNgcwele.
Sikwamele siwalumkele amasela akwamoya
athi abe iintliziyo zethu,
ajike iintliziyo zethu kuThixo,
aze atshabalalise imiphefumlo yethu.
Ndithi ke kuni, Wonke
umntu othe wandivuma phambi
kwabantu, kwanoNyana woMntu uya
kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo.
Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu,
wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo.
Luka 12:8–9
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala