Abantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka baseNineve,
ababengakwazi ukwahlula okulungileyo ebubini, baguquka emva
kokumamela intshumayelo kaYona, owayethobele umyalelo kaThixo.
Nakweli lixa kufuneka sishumayele iPasika
yoMnqophiso Omtsha—inyaniso yosindiso noxolelo
lwezono—kubantu abangawaziyo umthetho kaThixo.
Njengokuba izindlu ezafaka igazi lemvana yePasika
kwiingcango zabo zasindiswa kwisibetho kwixesha likaMosisi,
abo bathabatha inxaxheba kumzimba negazi likaYesu Kristu
ngesonka newayini yePasika bangafumana
itywina losindiso kumaxesha eTestamente Entsha.
UKristu uAhnsahnghong wangqina ngePasika yoMnqophiso Omtsha.
UnguThixo oze okwesibini ukuze axolele izono zoluntu lonke
kule mihla yokugqibela, ngokweziprofeto zeBhayibhile.
“Yabona, kuza imihla,” utsho uYehova,
“endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu
kaSirayeli nendlu kaYuda . . .
ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo,
ndingabi sasikhumbula isono sabo.” UYeremia 31:31–34
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala