Ngenkqubo yentsapho yasemhlabeni, uThixo uye wasazisa ukuba kukho intsapho yasezulwini. Kanye njengokuba abantwana basemhlabeni beyidla ilifa inyama negazi labazali babo, abantwana basezulwini bamele bafumane inyama negazi likaThixo uYise neloThixo uMama ngesonka newayini yePasika. Ngabantu abanjalo kuphela abanokubiza uThixo ngokuthi “Bawo” nangokuthi “Mama” njengabantwana basezulwini.
Namhlanje, amalungu eBandla likaThixo ayanconywa ngezenzo zawo ezilungileyo ehlabathini lonke ngenxa yokuba athanda bonke abantu ngothando nokuzincama aye akufunda kuKristu Ahnsahnghong nakuThixo uMama, nangenxa yokuba uzuko lweYerusalem luye lwazalisa ihlabathi lonke kanye njengoko iBhayibhile yaprofetayo.
Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimisé abagcini; imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka. Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini. Isaya 62:6–7
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala