IMithetho Elishumi yokuqala eyafunyanwa nguMoses
yaphulwa kuba amaSirayeli ayenqula ithole legolide.
Emva kokuba amaSirayeli ezibonile izono zawo
aza aguquka, uMoses wehla neMithetho Elishumi
yesibini awayinikwa nguThixo njengomqondiso wokuxolelwa.
Oku kwaba yimvelaphi yoMhla woCamagushelo.
Xa umntu enze isono, eso sono
sidluliselwa okwexeshana kuThixo, ingcwele, de kube
nguMhla woCamagushelo.
Emva kokuba umbingeleli omkhulu engene kwiNgcwele
kaNgcwele aze enze isiko lokutshiza ngegazi,
isono siyaxolelwa ngokupheleleyo.
Ngokufanayo, namhlanje, ngaphandle kokufumana ubabalo lweYerusalem,
eyiNgcwele kaNgcwele, oko kukuthi, uThixo onguMama,
akukho bani unokuzuza uxolelo olupheleleyo lwezono
okanye usindiso.
agqibe ukuyicamagushela ingcwele nentente yokuhlangana,
nesibingelelo. Woyisondeza inkunzi yebhokhwe ephilileyo,
acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni
yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo
bonke ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo
zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke
ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe,
ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko.
Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu
kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni
eliqhiwukileyo; ayikhulule inkunzi yebhokhwe leyo
entlango apho.
Levitikus 16:20–22
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala