Kanye njengokuba uThixo wasebenzisa intonga yomalusi ukwahlula uLwandle Olubomvu nokukhupha imithombo yamanzi eliweni, nantoni na esesandleni sikaThixo isoloko inamandla amakhulu.
Namhlanje, iBandla likaThixo, elithe lafumana uthumo lokushumayela iindaba ezilungileyo eSamariya kude kuse eziphelweni zomhlaba, liphumeza ivangeli yehlabathi lonke ngamandla kaThixo, hayi nje ngomgudu womntu ngamnye.
NjengoSamson owoyisa iwaka lamaFilisti ngomhlathi wedonki, njengenkwenkwana uDavide eyayisilwa nesigebenga esinguGoliyati, nanjengoPetros, Yohane kunye noYakobi ababengabalobi beentlanzi, kwesi sizukulwana, abo bakholelwa kuKristu Ahnsahnghong nakuThixo uMama nabanethemba lobukumkani bezulu benza imbali enkulu.
Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, àbabaninzi abanamandla, akamaninzi amanene. UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo; . . . ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe. 1 KwabaseKorinte 1:26–29
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala