Njengoko ubukumkani babo babusiya busomelela, ookumkani abanjengoRehabheham,
uSawule, u-Uziya, uAhazi, noZedekiya baziphakamisa baza babanekratshi.
Ekugqibeleni, bamona uThixo baza batshatyalaliswa.
Kwelinye icala, uYotham, uDavide, uDaniyeli nabahlobo bakhe
abathathu babesoloko bethembekile kuThixo yaye basikelelwa nguThixo.
Esi sisifundo esibalulekileyo esibonisa indlela yokholo amalungu
eBandla likaThixo afanele ukuyilandela namhlanje.
Kufanele bahlale bethembekile kuThixo, kungekhona ngokholo
oluthabuzayo ngokuxhomekeke kwiimeko.
Kwakhona, kufuneka bakholelwe kuncedo lukaKrestu Ahnsahnghong noThixo
uMama ze benze umsebenzi wevangeli ngokwelizwi likaThixo.
Ngoko, uya kwandula uThixo ayenze iZiyon ibe
namandla, yande, yaye ivelele ehlabathini
lonke njengobukumkani bukaDavide.
Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako
kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe
koneshologu, ngokuquqela kuye, akaquqela kuYehova;
wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani
kuDavide unyana kaYese.
Eyo-1 yeziKronike 10:13–14
Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela
zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.
2 yeziKronike 27:6
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala