Ngexesha likaMoya oyiNgcwele, uThixo waprofeta eBhayibhileni ukuba kwakuya kubakho umlo wakwamoya omkhulu phakathi koMfazi nayo yonke inzala Yakhe noSathana nabalandeli bakhe. Xa uThixo esahlula abo baya kusindiswa kwabo bangayi kusindiswa, kuphela ngokuma kwicala loMfazi, onguThixo onguMama, singaphumelela umlo omkhulu wakwamoya size sifumane intsikelelo yosindiso.
UThixo uAhnsahnghong usazise ngokucacileyo ukuba uThixo onguMama ukho ngenkqubo yosapho lwasemhlabeni kunye nenkqubo yokudalwa kuka-Eva nokuba amalungu eBandla likaThixo, yonke inzala yoMfazi, kufuneka ashumayele uzuko lweYerusalem uMama ehlabathini.
Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu. Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle. . . . IsiTyhilelo 12:17–13:1
Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimisé abagcini; imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka. Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini. Isaya 62:6–7
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala