Kanye njengokuba uAdam noEva bonayo ngenxa yokuba
bawulibala umthetho kaThixo othi, “Uze ungadli kuwo umthi
wokwazi okulungileyo nokubi,” nanini na xa siwulibala
umthetho kaThixo, siyona size sithwaxwe ziintlekele.
Kwanakweli lixa, uThixo uthi intlekele yokugqibela
iya kufika ngenxa yokuba ihlabathi liwulibele umthetho
kaThixo—umhla weSabatha nePasika yomnqophiso omtsha,
yaye aliwugcini.
Abantu bayimiphefumlo [iingelosi] eyona ezulwini yaza
yaphoswa phantsi emhlabeni.
Banokubuyela ezulwini kuphela xa bethobela ilizwi likaThixo
ngexa besaphila kulo mhlaba.
Kanye njengokuba uKumkani uHezekiya wamkela iintsikelelo
ngokugcina umthetho [iPasika] ngokwelizwi likaThixo,
iBandla likaThixo lithobela ukuthanda kukaThixo ngokugcina
umthetho kaThixo—umnqophiso omtsha.
Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;
Duteronomi 8:11
“Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na engameni lakho saprofeta, . . . senza imisebenzi yamandla emininzi?
. . . mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.”
Mateyu 7:21–23
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala