Ekubeni iincwadi ezingama-66 zeBhayibhile ziqulethe indlela yokuza kuMsindisi nobulumko bokwahlula inyaniso kubuxoki, uThixo uyasilumkisa ukuba singongezi okanye sisuse nantoni na eBhayibhileni, kodwa silandele kuphela ngokuvisisana namazwi kaThixo. Kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, uYesu yedwa wadanduluka wathi, “Yiza kum uthabathe amanzi obomi,” kodwa usifundise ukuba ngoku kufuneka size kuMoya noMtshakazi ukuze samkele amanzi obomi kwaye sibe nobomi obungunaphakade.
Isaya waprofeta ukuba uThixo uya kubakhokelela kumthombo wamanzi aphilileyo abantwana Bakhe, kwaye uThixo uAhnsahnghong, uMoya oyiNgcwele, owazalisekisa zonke iziprofeto zeBhayibhile, ukhokelele uluntu kuMama waseZulwini iYerusalem, uMtshakazi woMoya oyiNgcwele kunye nomthombo wamanzi obomi.
UMoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza. Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa. IsiTyhilelo 22:17
Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphéndule, ndakunceda ngemini yosindiso. . . . ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. Isaya 49:8–10
119 Bundang P.O.Box, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Mzantshi Khoriya
Tsalela 031-738-5999 Fax 031-738-5998
Ndlu-Nkulu: 50, Sunae-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
Ibandla eliyiNtloko: 35, Pangyoyeok-ro, Bundang-gu, Seongnam-si, Gyeonggi-do, Khoriya
ⓒUmbutho Womsebenzi Welizwe iBandla likaThixo. Onke amagunya agciniwe. Umthetho Wabucala